Xhohl P2 GR12 QP Sept2022
Xhohl P2 GR12 QP Sept2022
SENIOR CERTIFICATE
IBANGA 12
SEPTEMBA 2022
AMANQAKU: 80
IXESHA: 2½ iiyure
IMIYALELO NENGCACISO
ICANDELO A: ISIHOBE
IMIBONGO EFUNDISIWEYO – Phendula imibuzo emiBINI
UMBONGO ONGAFUNDISWANGA: Ngumbuzo ONYANZELEKILEYO
ICANDELO C: IDRAMA
Phendula umbuzo omNYE.
6. UBUDE BEEMPENDULO
ITHEYIBHILE YESIQULATHO
ICANDELO A: ISIHOBE
INOMBOLO
INANI LOMBUZO UMBUZO AMANQAKU
YEPHEPHA
6. Inkaw’idliw’ilila Umbuzo osisincoko
25 11
soncwadi
ICANDELO C: IDRAMA
ICANDELO A: ISIHOBE
IMIYALELO
IMIBONGO EFUNDISIWEYO
13 Mandiyithini ke le ntliziyo,
14 Xa imkhonza ngolu hlobo umniniyo?
2.1 Xela zibeMBINI izinto eziyenza buhlungu intliziyo ngokwesitanza soku-1. (2)
(a) Isitanza 1
(b) Isitanza 2 (2)
1 Singenzani n’ emhlabeni,
2 Sizuzeni n’ elizweni,
3 Xa singenalo ithemba,
4 Intsusa yokusebenza?
5 Singakwenza n’ ukulima,
6 Sikuyeke ukulila,
7 Singayifuya n’ imfuyo,
8 Xa ithemba lingekhoyo!
9 Makafundiswe ithemba,
10 Aphakanyiswe lithemba,
11 Limhambisele phambili,
12 Limngenise ezulwini.
AMANQAKU ECANDELO A: 30
ICANDELO B: INOVELI
IMIYALELO
INOVELI
OKANYE
ISICATSHULWA A
“Eyona nto kusenzeka le ntlekele nje wena sis’ Mpumi, besikhe salwa kakhulu
noMsindisi, kwaye loo nto ikhaya lakhe liyayazi lonke”, watsho ethethela phantsi
uThantaswa. Wothuka uNompumelelo akuva izinto zengxabano kodwa waqonda
ukuba makabe ngumzali apha kuThantaswa xa ebonakalisa ukumthemba.
“Ungafane uzixhalise ngaloo nto Thantaswa. Abantu kaloku basoloko benamabali 5
angummangaliso kwakusweleka umntu ngequbuliso. Akusoze umncede umntu
kwaye ukuba ungaphikana naye ungaligeza elingevi nentambo,” Watsho
uNompumelelo esothukile.
“Yonke into iza kudyijelwa apha kum ngenxa yaloo nto,” watsho efixiza kakhulu
uThantaswa. 10
Ndiyayazi loo nto Thanti. Mna ukusweleka komyeni wam ndaphants’ ukungcwatywa
ndihleli ngabantu bakowabo. Ndandihleli emthandazweni ngalo lonke ixesha.
Ngethamsanqa, lathi neloo tyala ndandibhutywa ngalo uMdali wenza ukuba liphelele
apha emoyeni. Ndithetha nawe nje bathi bakundibona bajonge phantsi bafake imisila
phakathi kwemilenze.’ Wantyuntya watsho uNompumelelo engazi yena ukuba 15
uThantaswa uyabazi ubunyani beli bali lakhe.
“Nam ndiyakuhlala ndiyibiza iNkosi ukuze ibe ngecala lam,” watsho ngesingqala
uThantaswa.
Yomelela ntombazana. Kuthiwa ilanga alitshoni kuphele, koko likhanyise
kwelinye icala lehlabathi. Ngoko ke liseza kubuye likhanyise nakweli lakho 20
icala kwakhona,” wamthuthuzela ngelo uNompumelelo.
7.4 Ingaba esi sicatshulwa sinika umelo oluhle lwezimo zabantu ababhinqileyo?
Xhasa impendulo yakho. (2)
ISICATSHULWA B
7.6 Chaza umkhutyana odibanisa uNqoza noMfuneko nesiphelo sawo kule noveli. (2)
7.7 Khankanya ibeNYE inkawu edliwa ilila kule noveli. Cacisa isizathu sokuba utsho. (2)
7.8 Nika zibeMBINI izinto ezikwisicatshulwa ezidiza ukuba ibali lale noveli liqhubeka
ngala maxesha okhanyo. (2)
7.10 Cacisa ukuba esi sicatshulwa sibaphuhlisa njani ngabanye ukuba uMfuneko
noThantaswa bawalandele amagama abo. (2)
Xoxa ngendima esiyidlalileyo isazela ekukhuleni kobufundisi bukaThole kule noveli. [25]
ISICATSHULWA C
“Sukelani eAlbert Street ecaweni ukuba nifuna ukumbona.” Batsho beqinisa ukuya
kungena ezimotweni zabo beqhumisa uthuli ukulandela, enjenjalo amapolisa
ukukhwaza sele efumene indlela yokuchitha abantu. Wavakala nombhobho
wokukhwaza usitsho,’ Akakho apha umkile! Sukelani e-Albert Street ecaweni
yamaWesile!” 5
Hayi yayinguwashiywa ukuya ezimotweni nasezibhasini, yayilukrozo iimoto ukusuka
eKempton Park apho iJan Smuts ikhona ukuya kuqabela eRhawutini.
Ngomzuzwana omncinci kwakhala ibhungane esikhululweni eJan Smuts kodwa
abanye basala beziindwane belimele kukuxovulwa ngabanye. Isihlanu sona itshoba
lalala umbethe, yathutha ithuthile inqwelo yezigulane ukusa esibhedlele. Akuzanga 10
kube kudala befikile Albert Street lazala lema ngeembambo elo holo laseWesile
abantu bengena benga bayagityiselwa besukela iindawo zokuhlala. Wayelapho
umfundisi uMaqoma waseNxukhwebe noShepherd weDike lodumo. Kuthe emva
kwezithethi ezibini nezithathu ezithe zathetha waphakama umbambi-ntambo wathi,
‘Ke mzi wakowethu sibulela ubukho booyise balo mntwana phakathi kwethu ngale 15
mini, phakamani banibone abantu befundisi.’
Zaphakama ezi ndedeba zombini zihleli ndaweninye zanqwala kunye ngeentloko
zibulisa eso sihlwele. ‘Uphuma ezandleni zala madoda lo mfana singaye apha’
watsho ebukhomba. ‘Ke mawethu’, uqhube watsho umbambintambo, ‘ndicinga ukuba
soba siphambukile emgceni ukuba asinakukhe sinikele komnye wabo akhe enze 20
amazwi.’ ‘Wabonakala uMfundisi uShepherd ekrweca uMfundisi uMaqoma ukuba
athethe.’
9.4 Ingaba le noveli inika umelo oluhle lwezimo zabefundisi? Xhasa impendulo yakho. (2)
9.5 Chaza zibeMBINI iindlela ezahlukeneyo ezidubulise isazela sikaThole kule noveli. (4)
KUNYE
ISICATSHULWA D
‘Uyaphupha torwana!’ wamana ukutsho uThozama ebona olo ncumo. Koko kumana
ukumbamba ebunzi ukhe wabonakala esithi xhungu uThozama emondela ngokungathi
ngumntu lo onanto ayiqaphelayo.
‘Yintoni mama!’ wabuza umfundisi esothuka, ephakama esihlalweni sakhe
esondela, ecinga ukuba makube umntu uyaqhawuka. Uthe ukuba asondele 5
umfundisi yamondela inkosikazi yakhe ebusweni yabuya yajonga kweli xhego
yavakala isithi, ‘Papa!’ kaloku ngoku uThozama wayengasatsho ukuthi ‘Bhuti Thole’
kuMangaliso, wayesithi Papa, ‘Mama!’ wasabela watsho umfundisi.
‘Khangela!’ watsho ekhomba isiva esisebusweni exhegweni. ‘Khangela!’ uphinde
watsho ekhomba eso sasisebusweni ku-Mangaliso. 10
‘Ke?’ watsho umfundisi ejonge kuThozama. ‘Isn’t it funny?’ wabuza uThozama
ngesiLungu. ‘What’s funny about a scar?’ uphendule ngombuzo watsho uMangaliso.
Uphindile uThozama waya esinqeni kweli xhego ekhumbula into ebekhe wayibona xa
ebeliphatha-phatha liyoba. Unyuse ihempe kancinci ezantsi kwenkaba wakhombisa
uMangaliso esithi, ‘Khangela!’ 15
‘Ngumkhango lowo,’ watsho uMangaliso engayazi intsingiselo yokuba akhonjiswe
umkhango wexhego.
‘Andithi nawe unawo?’ ubuze watsho uThozama. ‘Ewe ndinawo, ke?’
‘Hayi, Papa maan, niyafana nalo tata, ngaphandle kwezi zinto ndizikhombayo,
ingxam nje le yobuso nguwe kanye,’ wadanduluka watsho uThozama ekhwaza. 20
‘Sh-hh!’ watsho uMangaliso emtsibela embamba emlonyeni efuna angafundekeli
owayelele.
‘Isenokwenzeka into yokufana kwabantu, mama, nokuba abazani, kaloku abantu
bambala-nkomo, …
9.7 Khankanya abemNYE umlinganiswa osebenzise intetho ethi “Nyana Wam! Nyana
Wam!” kule noveli. Cacisa isizathu sokuba ayisebenzise. (2)
9.8 Nika zibeMBINI izinto ezikwisicatshulwa ezidiza ukuba ibali lale noveli liqhubeka
ngala maxesha okhanyo. Xhasa impendulo yakho. (2)
9.10 Cacisa ukuba le noveli ibaphuhlisa njani ngabanye ukuba uMangaliso noThozama
bawalandele amagama abo. (2)
9.11 Khawunike uThole izilumkiso zibeziBINI ngabahlobo bakhe kule noveli. (4)
[25]
Xoxa ngendima edlalwe kukuphila kokhozi ngaphakathi kuMfazwe kule noveli. [25]
ISICATSHULWA E
11.4 Ingaba esi sicatshulwa sinika umelo oluhle lwezimo zabantu abangabahlali? Xhasa
impendulo yakho. (2)
ISICATSHULWA F
11.6 Chaza into edibanisa uMfazwe noMgazi uxele nesiphelo sakhe kule noveli. (2)
11.7 Khankanya lubeluNYE ukhozi olumaphiko oluvele kule noveli. Cacisa isizathu
sokuba utsho. (2)
11.8 Nika zibeMBINI izinto ezikwisicatshulwa ezidiza ukuba ibali liqhubeka kula
maxesha okhanyo. (2)
11.9 Chaza ukuba esi sicatshulwa siwuvelise njani umxholwana wenkolo yesiNtu
kuMfazwe. (2)
11.10 Cacisa ukuba esi sicatshulwa simphuhlisa njani ukuba uMfazwe ulilandele igama
lakhe. (2)
ISICATSHULWA G (Intsomi)
13.7 Nika imfundiso efumaneka kwizenzo zikaKhetshe zomsindo kule ntsomi. (2)
1. A! Silimela!
2. AmaNdlamb' amatsha!
3. Hay' amaNdlamb' amatsha!
4.. Hay' amaNdlamb' amatsha!
5. Inkos' am, ngumntakaNdluzodaka,
6. Yindod' ezalwa ngabantwana ababini:
7. Izalwa nguMakinana noNopasi.
8. UNopasi yintombi kaMon' umhlophe kaNtshunqe,
9. Umhlophe kaNtshunqe kwaBomvana.
10. NguLuhad' igama lakhe,
11. Umbambo zemka zabuyelela:
12. Ngaphantsi kwelitye kukoyikeka,
13. Kuba zilaph ' iinzwana namadikazi.
…………………………………………………..
14. Bizan' izizwe kuzokwabiwa iinkwenkwezi!
15 Iinkwenkwezi mazabiwe.
16. Nina beSuthu,
17. Thathan' uCanzibe,
18. Niya kwabelana namaTshawana nabaTshophi
19. Nazo zonk' eziny' iintlang' ezinezishuba.
20. Nina bakwaZulu,
21. Thathan' amakroza,
22. Niya kwabelana namaSwazi namaTshophi namaTshangana
23. Neziny' iintlang' ezingamajarha.
24. Nina baseBrithani,
25. Thathan' ikhwezi,
26. Niya kubambana namaJamani namaBhulu,
27. Noko nibantu bangakwaziy' ukwabelana:
28. Nisuka nenz' imfazwe yamaBhulu neyamaJamani.
29. Siza kubambana ngeSilimela thina mabandla kaPhalo,
AMANQAKU ECANDELO B: 25
ICANDELO C: IDRAMA
IMIYALELO
UMAGABA: Kanti nangoku ukuba bekuthetha mna, bekungekho ntombi yimbi ibiya
kuthathwa nguGugulethu ngaphandle koThobeka. Koko andinakunceda,
abantwana esibazeleyo abasiva, abafuni kwenza nto ithethwa ngabazali,
bafuna ukwenza into ephambi kweengqondo zabo. Yaphela laa nto
yakudala ebethi umfana abonelwe ngabazali umfazi, eve yena selexelelwa 5
intombi amakayizeke. Ithi ukuba yintombi ive sekusithiwa: ‘Ntombi yiya
kwazibaningeshe, sikwendisela khona ngemvisiswano yabazali‘,
kungagqitywanga nayo.
UNOZIPHO: Uwo bawo! Ingathi ndiyabona xa ndinokusiwa entweni, nokuba ineliso
elinye, ndingathandi. Uxela nje nawe Gaba usithi, ‘laa nto yakudala’. Lelinye 10
ixesha eli sikulo ngoku. Amaxesha ngawokhanyo.
UMAGABA: Yiyo ke le nto zinguqulukubhode izinto zale mihla yenu nithi yeyokhanyo.
Oonyana neentombi zabantu ngezi mini bayabhutyuza, abakwazi
abakwenzayo ngenxa yokuba kaloku kubanjwe amasiko asezintlangeni
kwalahlwa awasekhaya. Kanti ke ngoko, zazingekho ezi zinto zenzeka ngale 15
mihla: la manyundululu okuqhawulwa kwemitshato; oku kungevani
koonyana nooyise; oku ngevani koomolokazana nooninazala; zazingekho,
kuba kaloku umtshato ubuyinto ezukileyo, usikelelekile, kuba indlu isekwe
ngabazali, ooThixo bomzi.
Andiyazi le yangoku into ekoze kuthi umntu ezibonele umfazi, ubone kusasa 20
seyilukrozo kusiyiwa edolophini. Yintoni? Kuquqwa ezinkundleni
kuqhawulwa umtshato. Ungazi ke ngoku ukuba umntu seledikwe yintoni na
kwakusasa, ebezibonele nje kaloku into yakhe.
15.5 Chaza ngeendlela eziMBINI ukuba kubonakele njani ukuba ibali lale drama
liqhubeka ngamaxesha okhanyo. (2)
15.6 Xhasa okanye uchase uluvo oluthi, ‘... abazali, ooThixo bomzi’ ngokwale drama. (2)
ISICATSHULWA J
15.8 Intetho kaMthetho ebhalwe ngqindilili imbeka kuliphi icala lempixano ekule drama?
Xhasa impendulo yakho. (2)
‘Ooyise balo mfana baye phi? Batyhaphake amehlo kusini na?’ (2)
15.10 Ingaba umbhali wale drama uluchasile ulwaphulomthetho? Xhasa uluvo lwakho
ngokuqwalasela indlela aphetheke ngayo uGugulethu kule drama. (2)
INDLAL’INAMANYALA – M. LAMATI
OKANYE
ISICATSHULWA K
17.5 Chaza ngeendlela eziMBINI ukuba kubonakele njani ukuba ibali lale drama
liqhubeka ngamaxesha okhanyo. (2)
ISICATSHULWA L
UDLEZINYE: Ngxatsho ke! Uya kuba sesiya singawothiyo umlilo sona isityebi esi
ukuba uthe wenza njengoko ndiza kukuyalela ngako.
UMAMQHINEBE: Ndiya kuyenza yonke into oya kundiyalela yona bawo.
Ubuhlwempu asiyonto ungayipha mntwak’ anyoko. (Kungena
uMaGatyeni). 5
UMAGATYENI: Nkqo nkqo!
UMAMQHINEBE: Yima apho phandle MaGatyeni! Mus’ ukungena maan! Ndithe kuwe
yima apho phandle!
UMAGATYENI: Awu! Kutheni na namhlanje mfazi, wandimisa phandle? Konakele phi?
UMAMQHINEBE: Awunakuzazi zonke izinto eziqhubeka kule mizi yonke MaGatyeni, 10
njengoko nathi singenakuzazi zonke izinto eziqhubeka phaa kwakho.
UMAGATYENI: Hay’ uxakanisekile mpela namhlanje mfazi. Noko ke ndicela uxolo
ukuba ndikuhambele ngexesha elibi.
UMAMQHINEBE: Ndixakekile aph’ endlwini MaGatyeni. Thetha le nto uyihambeleyo
sikhululane. 15
UMAGATYENI: Hayi Qhinebe bendicela nje nokuba yikomityi yemilimili. Kunzima kula
mzi.
UMAMQHINEBE: Kowu MaGatyeni! Sowuyenze ntoni la mali ubuyenze edolophini izolo
oku?
UMAGATYENI: Ndihlawule ngayo amatyala mfazi. Kaloku ndibolile ngamatyala. 20
UMAMQHINEBE: Yim’ apha ke ndiyeza. Ungenzi enye into ke ngaphandle kwale
ndikuxelela yona yokuba yima apha.
17.8 Intetho kaMamQhinebe ebhalwe ngqindilili imbeka kuliphi icala lempixano ekule
drama? Xhasa impendulo yakho. (2)
‘Uya kuba sesiya singawothiyo umlilo sona isityebi esi ukuba uthe wenza njengoko
ndiza kukuyalela ngako.’ (2)
17.10 Ingaba umbhali wale drama uluchasile ulwaphulomthetho? Xhasa uluvo lwakho
ngokuqwalasela indlela aphethe ngayo uMaqhikizane kule drama. (2)
17.12 Bumfundisa ntoni ubomi bukaSiqhiwu kule drama umfundi wayo? (2)
[25]
AMANQAKU ECANDELO C: 25
AMANQAKU EWONKE: 80